

A
lnqununu yesikolo, uObed Msibi, olugcinileyo usapho lwakwaGama. Ngasemva yindlu entsha yeentingo nodaka eyakhiwe yiBaphalali Swaziland Red Cross Society.
ULeah Gama onama-63 eminyaka uthi yinceba kaThixo ebenza babe basaphila nonlna yaye bafumane nabantu ababancedayo. Ecaleni kwakhe sisitya sesidudu esingagqitywanga ebesitylswa nguLinah Khambule.






ISIBINI ESINEM INYAKA
ENGAMA-22 SILELE EBHEDINI
ENYE



Nangona uLeah ubesoloko
	engumlwelwe ebomini bakhe, uluntu lwakowabo luyakhumbula ukuba eseyintombazana wayekuthanda ukunceda abantu.
Wakhula waneminyaka engama-41 engazange atshate. Wayengumncedisi kwivenkile yaseNcabaneni, apho wayethunga neempahla zokunxiba. Kwakhona uLeah ubengumshumayeli kwicawe yakowabo. Wayebathanda gqitha abantwana, nangona yena wayengenabo abakhe.
Ngo-1 974 waqalisa ukubonisa iimpawu zokuhlaselwa ngamandla sisifo sokutyatyamba kwamathambo, wanengxaki yeblood pressure neenyawo nezandla ezibuhtungu.
Into yokuqala endayiqaphelayo kukuba andisakwazi ukukhrotsha, kanti yeyona nto ndandiyithanda kakhulu leyo, utshilo uLeah.
Kuthe ngokuhamba kwexesha, andakwazi kuphatha nto tu ngezandla zam. Emva koko ndaba nengxaki yokungakwazi ukugobisa iingalo.
Kwathi ngelo xesha akuqonda ukuba akasenakuzenzela nto, walala kwibhedi asalele kuyo nanamhlanje.
Okumangalisayo kukuba nonina uFanny waqala kwangaloo nyaka ukuba neempawu zokugula ezifanayo nezentombi yakhe.
UFanny wayefundisa eDlangeni Primary School waza waziva ukuba akasakwazi ukuma ixesha elide.
linyawo zakhe zazibuhlungu neblood pressure yakhe inyuke ngendlela exhomis amehlo. Wajika wangakwazi ukuhamba, kwafuneka agaqe endlwini xa epheka ukutya, utshilo uLeah.
UFanny noLeah bazarna ukuziphilisa ngeziqhamo ezazisekhaya kuba kubo kungekho mntu unokusebenza abondle. Kodwa amakhwenkwe ayeziba iibhanana, iipesika, iiorenji neemponyomponyo aye kuzithengisa esitratweni.
Esekukuphela kwento esigcine siphila kukuthanda uThixo. Asixhomekekanga mntwini mnye, kodwa xa sithandaza uThixo uchukumisa abantu abaninzi abanovelwano ukuba bazosinceda, utsho uLeah.
Omnye wabantu abanovelwano yinqununu yaseDlangeni Primary School, uObed Msibi. Kwiminyaka emithathu edlulileyo indlu ehlala uFanny noLeah yadilizwa yimvula. lfanitshala entle ebabeyithenge besasebenza yonakata apho. UMsibi wabahlangula
nempahla yabo eshiyekileyo, wabanika indlu owayehlala kuyo esikolweni.
Xa iBONA ibityelele usapho lwakwaGama belusandul' ukubuyiselwa emzini walo ngamalungu eBaphalali Aed Cross Society, alwakhele indlu ngeentingo nodaka. lAed Cross yanikela nangeengubo, ukutya nempahla yokunxiba.
Ugqirha wasePortugal ogama linguAdelaide, nomhlobo wakhe uSylvia, balupha ukutya rhoqo usapho lwakwaGama. Baphinde bahlawulele umntu obahlambela impahla, apheke aze abacocele kathathu ngeveki.
SilaIa sodwa ebusuku, ngumixo kuphela osotoko enathi. Maxa wambi xa umama eziva ebhetele uyagaqa aye kupheka ukutya, kodwa xa ebambekile silala izisu zincamathele yindlala, utsho uLeah.
Njengoko nawe umbona, ubambekile namhlanje. Kunzima ke xa ekule meko, kuba mna andikwazi kwenza nto -
ndiza kulala kule bhedi ubomi bam bonke.
Ebutsheni balo nyaka uFanny wayevaleleke endlwini yangasose iiyure ezininzi. Wathi eselapho waphelelwa ngamandla, waza akakwazi ukugaqa aye kwigumbi lokulala. Uncedo walufumana emntwini owayezidlulela ngendlela wamva ekhala waza waya wafika elele phezu kwelindle lakhe. Loo mntu wamcoca waya kumlaliswa ebhedini yakhe.
UFanny noLeah bathandazela ukuba ngenye imini babe nemali eyaneleyo yokuqesha umntu oza kubakhathalela yonk imihla. Ezona zinto athe uLeah bazifuna ngamandla, sisitovu samalahle, ikhabhathi, itafite nezitulo nenye ibhedi.
Siphe usapho lwakwaGama ibhokisi yemifuno, iswekile neti. Sithe xa. silungela ukuhamba seva okokuqala ilizwi elitsholo phantsi likaFanny Gama esithi: Enkosi kakhulu. Akwaba uThixo angasoloko enani. 

































Ungathi Wayebona Ukuba Uza Kufa...
kubhale uWILUE BOKALA iifoto sizifumene kuSapho lwakwaCHAMA
USydney Chama,
owakwakhe uNana
(ekunene) nabanttvana babo, uNombuzo, uMenzi, uKhanya, emva kokuzalwa konyana wabo onguBonga.





X
 A uNana Chama wayebona umyeni wakhe esithi gqi edangele, waba ngathi ungumfanekiso oqingqiweyo kaSydney Chama. Kwakukwesikabhadakazi...
Ngoku lo mizuzu imbalwa usayikhumbula kakuhle uNana kuba ugqibele ngayo ukubona uyise wabantwana bakhe esaphila.
USydney usweleke ngentsimbi yoku-1 xa kusayo ngomhla wesi-8 kuOktobha eneminyaka engama-54, eshiya uNana nabantwana babo abane, uNombuso (27),
uMenzi (24), uKhanya (13) noBonga (11)
kunye nabazukulwana, uNathi (8)
noNomvula (2) emzini wabo osekatlehong. UNana ushiyeke neenkumbulo zomyeni
wakhe njengabo bonke abantu ebebengabahlobo bakhe...
Usydney Chama ubeneziphiwo ezininzi ebomini. Phakathi kwazo ebenesokudlala iifilim nemidlalo, esokuzoba, esokucula, esokuthetha iilwimi ezininzi, esokuba ngumfoti, kanti ngekh' ukholwe ukuba ubephinde abe yiRank Manager yeeteksi!
Waqala ukudlala kwiifilim ukususela
USydney chama, umdlali weefilim, imvuml, umzobi, umntu obesazi iilwimi ezininzi, nombhali waBafana kWIBONA.

ngo-1969. Wadlala kwezi filim zilandelayo:
Running Young, Rage To Kill, Freedom Run, Mercenary Fighters nethi Dingaka.
UdIale nakwimidlalo kamabonakude enjengothi Hlala Kwabafileyo, othi Egoli weM-Net nakothi Tropical Heat - xa sibala nje embalwa - kanti udlalile nakwimidlalo yeqonga enjengothi lpi







Xa inkosikazi kaSydney Chama, 
uNana
ikhumbula izinto
ezazisenziwa ngumyeni wakhe ngaphambili kokuba adlule kweli phakade iyaqiniseka ukuba kukho into eyayimxelela ukuba akusentsuku zatywala asweleke.v









Ntombi - owayekhenketha nawo eMerika naseBritani - nothi The Pianno Lesson - umdlalo waseMerika owaguqulwayo waza wadlalwa eJohannesburg Civic Theatre.
Ubesithi xa engaxakekanga yeminye imisebenzi yakhe, aye kuba yiRank Manager yeeteksi zaseMpuma-Randi.
Zonke ezi zinto nezinye zizo ebezisenza athandwe lulutsha nangabantu abadala kulo lonke eli.
Ubesazi iilwimi ezininzi eziquka isiNgesi,.isiBhulu, isiSuthu, isiXhosa,
isiZulu, isiTaliyane, isiJaphani nesiPutukezi. Yiloo nto eyayimenza azifumanele abahlobo apho akhona nokuba abe neempembelelo ebantwini abamaziyo.
Besimthanda uSydney thina bemagazini iBONA neNEXT Ubengoyena mzobi uphambili kwiBONA kanti nguye obebhala Abafana, nekuliphepha elisekugqibeleni elonwabisa abafundi bethu.
Besisithi thina ngoxa sibhala amanqaku othusayo nabuhlungu, yena azame
ukuthothisa umothuko wabafundi bethu ngokubahlekisa ngaBafana.
Simkhumbula ngokuba ubeliyolisa ebelizimisela ukwenza nantoni na xa iza kunceda wonk' umntu okufutshane naye.
Ukufa kukaSydney kube liqubuliso nentlungu engathethekiyo kuba nangona ubesoloko ekhathazwa ngumbefu, akukho mntu ubecinga ukuba angasweleka ngendlela asweleke ngayo - nkqu nosapho lwakhe.
UNana Chama ubalisa athi, 4Usweleke ngemizuzwana nje engephi. Bathe naxa oogqirha bendixelela ukuba uswelekile, kundithathe ixesha elide ukuyamkela loo nto. Bendingakholelwa tu. Mhlawumbi oko kwenziwe kukuba bendisoloko ndinomnqweno wokuba kusweleke mna kuqala.
Phofu ke, ngokutsho kukaNana, imel' ukuba ikho into ebimxelela ukuba uza kusweleka uSydney kuba izinto azitsho ngaphambi kokusweleka kwakhe zibonisa loo nto. Uthe, "Kwiiveki ezimbalwa ngaphambi kokusweleka kwakhe wathi ufuna ukufaka iintsimbi zokuthintela

Xa esathe xha kwemlnye imisebenzi yakhe uSydney, ubeba yiRank Manager yeeteksi.


abaqhekezi kuzo zonke iifestile ukuze sikhuseleke xa engekho. Xa ndicinga ukuba wayeyitshiso yintoni loo nto kuba sineminyaka sihlala kulo mzi engazikhathazi ngokufaka ezo ntsimbi. Phofu ke ngelo xesha wathi xa ethetha ngokungabikho ndacinga ukuba utsho xa ephume nomsebenzi.
Kwakhona uSydney ubekhuthaza abantwana bakhe ukuba bamthobele unina nokuba bayithobele imiyalelo abanika yona. UNana uthe, Ngequbuliso usuke wafuna ndibengqongqo ebantwaneni ukuze ndikwazi ukubalawula. Ngoku ndiyaqonda ukuba wayetshiso yintoni.
Nangona ubekhathazwa ngumbefu usebenze de kwayimini yakhe yokugqibela emhlabeni. UNana umshiye edesikeni yakhe ebhala Abafana beBONA esenza neminye imizobo yeNEXT. Uthe, Ndimxelele ukuba angangxami, makaye kulala kuba ndimbona ukuba akanguye ncam. Akakhange akwenze oko...
"Kuthe phantse ezinzulwini zobusuku ndothuswa yingxolo. Ndiqaphele ukuba akakho ebhedini, ndaya kumkhangela, ndamfumana eme ngasemnyango kunzima ukuphefumla. Ndimve esiwa ndisesendlwini ndikhangela iyeza elinokumriceda.
Ubalekiselwe esibhedlele eGermiston nguNana nabamelwane, kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba babuyele eNatalspruit kuba befike bengekho oogqirha kweso sibhedlele.
Ndimshiye kwigumbi labagula kakhulu oogqirha bemxilongisisa imizuzu nje emihlanu. Emva koko ndixelelwe ukuba uswelekile, utshilo.
Hamba Kahle Sydney.
Siya kusoloko
sikukhumbula. 







UTATA OHLANGULE INTOMBI YAKHE EKUFENI


Ukumka kwakhe eflethini ahlala kuyo uVukani Dlamini uve isikhalo ngakwindawo emisa iimoto. Uthe akujonga phezulu wabona intombi yakhe ijinga kwiintsimbi zefestile ezithintela abaqhekezi kwigumbi lakhe lokulala elikumgangatho wesithandathu kwisakhiwo seeflethi.


kubalisa uBONGANI HLATSHWAYO
kufote uLUCKY NXUMALO





























U
 THEMBELA Dlamini unethamsanqa. Usindiswe nguyise, uVukani Dlarnini, ekufeni. Bekungekho xesha lokucinga. Uthandazile, walungiselela ukumganga. Ngobabalo IukaThixo, uwel' ezandleni zakhe.
UThembela waiTikeIwa ziingqondo iiyure ezilithoba emva kokuwa kwakhe. Waphuka kabini emlenzeni wasekunene, wanomkrwelana entloko wenzakala nangaphakathi.
UVukani Dlamini ebainbe intombi yakhe eneminyaka emithathu uThembela, ngokuzingca.


UThixo ububonakalisile ubungangamsha Bakhe ngokusindisa intombi yam ekufeni, kutsho uNana Dlamini.
lMona Flats ekwidolophu yaseMbabane -uThembela Dlamini wawa kuzo esuka kumgangatho wesithandathu.



Ngomhla wama-22 kuMeyi ka- 1996, uThembela oneminyaka emithathu washiywa egcinwe ngu.mntu oncedisayo endlwini .kamakazi wakhe l. umgangatho wesithandathu eMona Flats eMbabane, eSwazini.
Uye wakhala xa ndihamba ndimshiya. Ndacela umncedisi ukuba amgade. Yona iye yamshiya kwigumbi
lokulala. Kwathi kanti ifestile yakhona ivulekile. Ngethamsanqa iifestile zineentsimbi zokuthintela abaqhekezi.
Ndathi xa ndophuma kwilifti, ndeva abantu bekhwaza kwindawo yokumisa iimoto. Ndandimva ukuba uyakhala uThembela. Ndambona ukuba ubanjwe



18 BONA XHOSA - December 1 996

		BONA XKOSA - December 1996 21

22 BONA XHOSA - December 1996

